UTristan (ominyaka ili-9) elungisa intambo kaEvelyne ,  uEvelyne simkhuphe msinya esibhedlele kuba ngemini kubiza i-R600  mini nganye elele kuso. Lukhetho ekunzima ukulwenza kodwa siphumelele emzini wam simonga simthengela nokunye ekhemisti .









uEvelyne udibana nelinye ixhoba
.lokutsha ngemini
yakhe yokuqaqla eseMzantsi Afrika.
Iziphumo
ZEMPINDEZELO
UHuguette wayengekho, uEvelyne watya isopholo , wakhulula iimpahla ebephangele ngazo. Ubediniwe nanjengoko ubusuku kuloo mmandla wenjika-langa buthanda ukuba shushu wayokulala enxibe nje impahla yakhe yangaphantsi kuphela.
uEvelyne wakhawuleza walala kodwa ethubeni wavuswa kukuva kunkqonkqozwa, wabhinqa nje itawuli , wabuza esithi, Ngubani Iowo?
Bekumalunga neye-10 ngokuhlwa. Uve ilizwi likaLouis Martin osisinqanda-mathe sikaHuguette abethandana naso kwiminyaka emine okanye emihlanu.
Eneminyaka ema-40 ebengumphathi kwisebe locwangciso lukarhulumente . Inkosikazi yakhe nabantwana babo babehlala kwihlomela dolophu ekuthiwa yiGlass . uEvelyne ubemazi kakuhle uLouis Martin kuba ebethandana noHuguette kodwa ubengazi ukuba inkosikazi yakhe iyazi okuqhubekayo. Nakuba uEvelyne engazange ayigxeke le ndlela baziphethe ngayo wayengakholelwa kwelokuba bekufuneka athethe ngayo.
Eqonga ilizwi lakhe, uvule ucango kwangena uLouis Matin . Ubephelekwa ngumhlobo wakhe naye oyindoda nangazange wambona ngaphambili kunye nomnakwabo Babemphathele iibhanana uHuguette uEvelyne ubuzile ukuba uLouis  - Martin angathanda ukulinda de abuye kusini na umakazi wakhe, kodwa lo mfo uphendule wath' akanako uza kubuya ngengomso.
uEvelyne ubuyele ezingubeni.
Apha kufutshane kukho nezinye iiflethi nazo ziziindidi ezine. KuIula ukubona umnyango ongaphambili wakuloEvelyne xa uhleli kuzo. Nenekazi lithile eliminyaka ekuma-20 nelinguHermine lihlala kwenye iflethi nesinqanda-mathe salo, likrobile ngaphandle labona inenekazi elithwele iqhiya linika inkwenkwana ikhonteyina yeplastiki .
Ngelo xesha akazange acinge nto kodwa iintsuku kamva uHermine nomnye ummelwane uMeme bayibona le khonteyina kwiflethi ahlala kuyo uEvelyne . Babona uHuguette elahla le khonteyina netawuli ekrazukileyo.
imizuzu emihlanu sehambile uLouis Martin namaqabane akhe kwankqonkqozwa kwakhona apho ahlala khona uEvelyne . Yena wacinga fanukuba nguLouis - Martin - mhlawumbi kumel' ukuba kukho nto ayilibeleyo. Wavula nje ucango engabuzanga ukuba ngubani. Kwakungasekho thuba lakuvala umnyango ukuzikhusela kuba inkwenkwana yayiphosa kuye le khonteyina yeplastiki enokubumanzi.
Le nkwenkana inxibe umnqwazi obukhanya enomphetho ophendulweyo. YayingangoEvelyne inde kangange-1,54 mitha , mhlawumbi ingaphezulwana nje kancinci kunaye.
Le Asidi yamtshiza ebusweni, esifubeni nasezingalweni. Amathontsi ayo athontsiza emqolo nasemilenzeni  Zisuka nje waqaqanjelwa. wagodola kakhulu.
uEvelyne akazange adibane nale nkwenkwana ngaphambiIi ukanti akazange aphinde ayibone. Akayazi,
